• Refine Query
  • Source
  • Publication year
  • to
  • Language
  • 1
  • Tagged with
  • 1
  • 1
  • 1
  • 1
  • 1
  • 1
  • 1
  • 1
  • 1
  • 1
  • 1
  • About
  • The Global ETD Search service is a free service for researchers to find electronic theses and dissertations. This service is provided by the Networked Digital Library of Theses and Dissertations.
    Our metadata is collected from universities around the world. If you manage a university/consortium/country archive and want to be added, details can be found on the NDLTD website.
1

Ukuphononongwa kwezaphuli-mthetho nokuzalana kwemixholo yenkangeleko kwincwadi ka L. K. Siwisa "Izimanga zalo mhlaba"

Melane, Amanda Boniswa January 2006 (has links)
Ubundlobongela buxhaphake okweentwala kubaThembu. Zininzi iindidi zobundlobongela ezithi ziqhubekeke apha ekuhlaleni. Abantu abathi bazibandakanye nobundlobongela, baphembelelwa ziimeko ezithile. Iimeko ezifana nokunqaba kwemisebenzi, izinga elinyukileyo lokusetyenziswa kweziyobisi nendlela athi umntu othile akhule ngayo. Ukuba ubani othile ukhule ngobusela, naye ulandela emkhondweni kanye abe lisela elibalaseleyo. Kwincwadi kaL. K. Siwisa ethi, “Izimanga zalomhlaba” kubhaqeka oku kulandelayo: Umntwana okhule ekhayeni lakhe kuetyenziswa iziyobisi naye wenza njalo akuba mkhulu. Imali eza ngobuqhinga nokuphela kwayo kuba lula. Ungumntu ebomini kufuneka utye ukubila kwebunzi lakho, uyeke ukufuna ukuvuna kodwa ungakhange ulime. Umntu kaloku uvuna loo nto athe wayilima. Apha ebomini zimisele ukwenza ubutyebi nelifa ngeli xesha usadla amazimba ukuze uphumelele. Xa ungumntu zimisele ukwanela, kule ndawo uMdali akubeke kuyo. Akufuneki ube ngumntu onentliziyo ende, unikwe isandla, wena ufune isandla kunye nengalo. Yonke le mikhwa ikukhokelela ekubeni ekugqibeleni wenze ubundlobongela. Ubundlobongela ke abubhatali koko busingisela kwantshabalala. Kula mabalana iyangqineka ngokuthi abonise iziphumo zobundlobongela ezifana nokuphulukana nobomi, ukuphelelwa zizinto zakho obunazo ngenxa yamaqhinga nobusela nokuphelela entolongweni. Kobu bundlobongela kukholisa ukubakho amaxhoba. Ngelishwa uninzi lwawo iba ngamabhinqa nabantwana.

Page generated in 0.0287 seconds