Olu phando luza kugxila kuphononongo lobume bengqondo ephazamisekileyo yabalinganiswa, lujonga kananjalo izimo zabalinganiswa ngakumbi abatsha, indlela abacinga nabenza ngayo izinto. Olu phando luza kuphicotha obu bume bengqondo baba balinganiswa kusetyenziswa iincwadi zedrama ezilandelayo: uBuzani Kubawo, kaTamsanqa, uAmaza, kaQangule, uLiseza kutshona kaMbobo, u-Uthembisa noMakhaya kaMtywaku, Isikhwakhwa noBessie kaMtywaku kunye noNdiyekeni kaJongilanga. Olu thotho lweencwadi zedrama zikhethiweyo luza kusetyenziswa kwakhona ukubhentsisa ubungqondo-lukhuni lwababhali ekuzobeni abalinganiswa abatsha njengoongantweni nolwamvila lolu zobo kwindlela ulutsha oluziphethe ngayo. Olu phando lutshayelelwe ngesahluko sokuqala esiqulathe iingxaki zophando, iinjongo zophando, ukubaluleka kolu phando, okusele kubhaliwe ngophando olu, nalapho olu luza kwahluka khona. Isahluko sesibini sibonisa isithako sobuNzululwazi bume- ngqondo nezinye ezikhaphayo ezifana nenkcubeko apho kujongwa ukuba ingaba inkcubeko ayisetyenziswa na ngendlela ebangela ukuba abalinganiswa abatsha bazibone bekwimo emandla yoxinzelelo. Esi sithako senkcubeko sihambelana neso semo yokuziphatha apha kujongwa ukuba ingaba ukuziphatha kwaba balinganiswa batsha akuqhutywa yindlela uluntu olubabona ngayo bephenjelelwa nayindlela abazotywa ngayo ngababhali. Ezinye izithako ezikhapha esi sobume bengqondo seso sobudala apho kugxilwa kwindlela abajongelwa phantsi ngayo ngenxa yeminyaka yabo luluntu nabazali abaphela bebathathela izigqibo ezikhokelela kuxinzelelo nokuziphatha okungekuhle. Esokugqibela seso seOnomastiki apho kujongwa ukuba ingaba indlela abathiywe ngayo abalinganiswa ayinagalelo kusini na kwindlela oluziphethe ngayo ulutsha. Iimeko zoxinzelelo abazibhaqa bephantsi kwazo abatsha azibangelwa ngamagama abawanikiweyo na nekuye kulindeleke ukuba bawalandele ngenkani nokuba imeko ayivumi. Isahluko sesiThathu sakugxila kwizimo zabalinganiswa ze esesiNe sigxile kubalinganiswa nezigulo zengqondo.
Identifer | oai:union.ndltd.org:netd.ac.za/oai:union.ndltd.org:nmmu/vital:26632 |
Date | January 2014 |
Creators | Bilatyi, Katy Nomthandazo |
Publisher | Nelson Mandela Metropolitan University, Faculty of Arts |
Source Sets | South African National ETD Portal |
Language | Xhosa |
Detected Language | Unknown |
Type | Thesis, Masters, MA |
Format | xiv, 170 leaves, pdf |
Rights | Nelson Mandela Metropolitan University |
Page generated in 0.0011 seconds