Return to search

Uhlalutyo ngokwesithako sobunzululwazi nkcubeko-ntlalo yaseAfrika kwinoveli yesiXhosa: Inkululeko isentabeni / Towards an African socio-cultural critical review of an isiXhosa novel: Inkululeko isentabeni

Kule ngxoxo kuqwalaswele indlela amasiko nezithethe asetyenziswe ngayo kwincwadi kaSaule, ethi, Inkululeko isentabeni. Le ngxoxo ijolise ekuncomeni indlela lo kaSaule awasebenzise ngayo amasiko kunye nezithethe zakwaNtu ukwakha isizwe esimnyama. Konke oku kudandalazisa ukubaluleka kokusetyenziswa kwawo ukwakha isizwe. Injongo yolu phando kukuphendla indlela umtshato, isithembu, ulwaluko, imbeleko, intonjane, ukufa, ukukhapha, ukubuyisa nokungenwa ezaziqhutywa ngayo nezizathu zoko. Le ngxoxo iza kuphonononga ixhaswe ngezithako eziziimbono zeengcali zohlalutyo kwintlalo kaNtu. Ingxoxo le yahlulwe yazizahluko ezintandathu. Isahluko sokuqala sivula ngentshayelelo, ze sidandalazise intsusamabandla yolu phando, kushukuxwe imbangeli yophando, ze kwenziwe uphengululo lweencwadi zeengcali kwisithako sobuNzululwazi Nkcubeko-Ntlalo. Isahluko sesibini, siqwalasela ukuxabiseka kolwendo ngokwengcinga yesiNtu kwincwadi kaSaule. Indlela isiko lokuthwala lalisenziwa ngalo mandulo xa kuthelekiswa kweyangoku, nemiceli-mngeni elijamelene nalo eli siko. Isahluko sesithathu, sijongene nesithembu, iimeko ezazinyanzelisa ukuthathwa komfazi wesibini nangaphezulu nemiceli-mngeni ekhoyo kwesi sithethe. Isahluko sesine, singolwaluko ngemihla yamandulo size sithelekiswe nale mihla siphila kuyo. Iingxaki ezikhoyo kweli siko ezibangelwa kukungakhathali kwengcibi, namakhankatha. Esesihlanu, isahluko singamasiko nezithethe, iindlela ezazisaya kusetyenziswa mandulo kuthelekiswa nezeli xesha lokhanyo ekwenzeni la masiko nezi zithethe. Isahluko sesithandathu, sesokuphetha, siyintyilazwi yeengxoxo ezikolu hlalutyo, kuxilongwa ubuzaza besithako sobunzululwazi nkcubeko-ntlalo.

Identiferoai:union.ndltd.org:netd.ac.za/oai:union.ndltd.org:nmmu/vital:26462
Date January 2016
CreatorsBali, Nolundi Monica
PublisherNelson Mandela Metropolitan University, Faculty of Arts
Source SetsSouth African National ETD Portal
LanguageXhosa
Detected LanguageUnknown
TypeThesis, Masters, MA
Formatviii, 227 leaves, pdf
RightsNelson Mandela Metropolitan University

Page generated in 0.0021 seconds