Return to search

Umba wongqamano-ngqo kuguqulo-lwimi kwiincwadi zikaSindiwe Magona: “Kubantwana Babantwana Bam” kwakunye no- “To My Children’s Children”. / (The issue of equivalence in translation in the books of Sindiwe Magona: “Kubantwana Babantwana Bam” and “To My Children’s Children”)

Magister Artium - MA / Uguqulo-lwimi lwalungathathelwa ngqalelo kakhulu kuba lwalusetyenziselwa ukufezekisa iinjongo ezithile kuba ubani lowo ezazi iilwimi ezo. Injongo yayikukugqithisa umyalezo wombhalo wolwimi oluguqulwayo/ lwemveli. Ungothuki, mfundi xa kusetyenziswe elinye igama, umzekelo umbhalo wolwimi oluguqulwayo sizakuthi yi-ST, gama elo elisukela kushunqulelo lwesiNgesi u-Source Text. Wona umbhalo wolwimi ekuguqulelwa kulo/ekubhekiswa kulo yi-TT, osukela kushunqulelo lwesiNgesi u-Target Text. Izifundo zoguqulo-lwimi zikhule ngokumandla kwaye zinike umdla omkhulu kwiingcali. Phakathi kwezinye iingcali kungabalulwa uVermeer (1989) oweza nethiyori ekuthiwa siSkoposi. UVermeer ungomnye phakathi kwezinye iingcali ezathatha uguqulo-lwimi njengomsebenzi (function). Uthi, umsebenzi ngamnye uphenjelelwa yinjongo. Kulapho ezinye iingcali zathathela khona ziveza iziseko ezisemthethweni zoguqulo-lwimi ngokomsebenzi.

Identiferoai:union.ndltd.org:netd.ac.za/oai:union.ndltd.org:uwc/oai:etd.uwc.ac.za:11394/8061
Date January 2020
CreatorsMxunyelwa, Dalutando Maxwell
ContributorsMokapela, S
PublisherUniversity of Western Cape
Source SetsSouth African National ETD Portal
LanguageEnglish
Detected LanguageUnknown
RightsUniversity of Western Cape

Page generated in 0.0023 seconds