Return to search

Uphononongo lokuchubeka kwezimo zabalinganiswa kwiincwadi ezichongiweyo zedrama zesiXhosa

Le ngxoxo iza kuthetha ngengcingane yokuchubeka. Phantsi kwengcingane yokuchubeka kuza kuthi kuxoxwe ngezi zinto ziladelayo: ukuchubeka lungileyo kunye nokuchubeka gwenxa, ubuso (imvakalelo), izaci zokuchubeka, ukuchubeka nesini kunye nokuchubeka namandla okanye igunya. Ezi zihloko zingaphantsi ziza kubonakaliswa phantsi kwecandelo lesibini ukuya kwelesine ze isahluko sesihlanu ibe sesokukuqukumbela. Ukuchubeka kufumaneka phantsi kwezifundo zesoshiyolingwistiki. Ingxoxo iza kuthi iqale icacise ngesoshiyolingwistiki. Ukuchubeka kuphuhla kakuhle xa isithethi sisebenzisa amagama entetho-ntshukumo anje ngokuncoma, ukuhlekisa, ukuxolisa njalo-njalo. Ingxoxo iza kuthi inabe nzulu ngengcingane yentetho-ntshukumo. Iza kuphinda ingene nzulu icacisa igama elinentshukumo ngalinye. Le ngxoxo ithi ijonge kwaye iphendule umbuzo othi ingaba ngoobani abachubekileyo kukho amadoda nabantu ababhinqileyo. Lo mbuzo uthi ukhokhelele ingxoxo ekuxoxeni ngesini. Ingcingane yesini iza kuthi isetyenziswe ekuphenduleni lo mbuzo kwaye iza kucaciswa nzulu. Kuyabonakala okokuba apha ekuchubekeni bakhona abantu abachubeka ngenxa yezizathu ezithile. Izizathu ezifana nokuthobela amagunya, ukoyika lo mntu athetha naye, ukuhlonipha njalo-njalo.

Identiferoai:union.ndltd.org:netd.ac.za/oai:union.ndltd.org:nmmu/vital:8450
Date January 2011
CreatorsMvanyashe, Andiswa
PublisherNelson Mandela Metropolitan University, Faculty of Arts
Source SetsSouth African National ETD Portal
LanguageXhosa
Detected LanguageUnknown
TypeThesis, Masters, MA
Formatxi, 149 leaves ; 30 cm, pdf
RightsNelson Mandela Metropolitan University

Page generated in 0.0179 seconds