Return to search

Ukuzotywa kwabalinganiswa abafunzele ukuzibulala kwimidlalo ekhethiweyo yesiXhosa

Olu phando lugqale kubalinganiswa abafunzele ukuzibulala kwimidlalo ekhethiweyo yesiXhosa. Kwisahluko sokuqala ngumkhombandlela wolu phando, intshayelelo, injongo yophando, ubume besifundo namagqabantshintshi ngentyila bomi zababhali endicaphule kwiincwadi zabo namagama angundoqo. Kwezinye izahluko ingcingane ezahlukeneyo nalapho endingabalula ekaFreud isayikho-analisisi ndinaba ngokubanzi kumabakala awabekileyo afana nokuzalwa, isini, odiphasi khompleksi nephupha nenxaxheba yakhe ekugubhululeni okuyimfihlakalo ngokuthi aphande ubomi bomntu obadlulayo ukuze kubenokunyangwa impixano ekuye ngaphakathi. Enye ingcingane esetyenzisiweyo yile ingokuzibulala nalapho kuphononongwa ukuba ngobani abazibulalayo, abaqinisekileyo ngokufa kwabo, ukuzibulala ngesivumelwano nembalelwano abazishiyayo xa umntu ezibulala. Kwezinye izahluko ndiyibeka icace intsusa neziphumo zokuzibulala kwamaxhoba, ndayiphicotha nendlela ekuxhatshazwe ngayo amalungelo abalinganiswa ngabazali babo kuba benyanzela le mitshato yebhaxa ngenjongo yokuzuza ikhazi ngentombi zabo, nayo imixholo enxulumene nolu phando ndiyicaphule imixholo efana neyothando noqhankqalazo nomxholo wokutshatiswa kwabantwana ngebhaxa. Isahluko sesihlanu ngumqukumbelo jikelele nophononongo ngolu phando.

Identiferoai:union.ndltd.org:netd.ac.za/oai:union.ndltd.org:nmmu/vital:8473
Date January 2006
CreatorsKondowe, Zandile Ziyanda
PublisherNelson Mandela Metropolitan University, Faculty of Arts
Source SetsSouth African National ETD Portal
LanguageXhosa
Detected LanguageUnknown
TypeThesis, Masters, MA
Formatx, 117 leaves ; 30 cm, pdf
RightsNelson Mandela Metropolitan University

Page generated in 0.0019 seconds