Kule ngxoxo kuqwalaselwa indlela ulwimi njengesakhono olusetyenziswe ngayo kwincwadi kaSaule, ethi, Ukhozi Olumaphiko kunye nobuchule bukaBongela ekubhaleni kwincwadi yakhe ethi, Lwadilik’ Udonga, yona eluguqulelo lwencwadi kaChinua Achebe, ethi, Things Fall Apart. Kule ngxoxo akuthelekiswa aba babhali babini koko kujongwe nje kunconywa ubuchule babo ekusebenziseni ulwimi ngendlela ephakamisa umgangatho weencwadi zabo. Oko, kudandalazisa ukubaluleka kokuqatshelwa kolwimi njengesakhono, ngababhali. Injongo yolu phando kukuba, ababhali bakuthathele ingqalelo ukubaluleka kokukhulisa nokukhuthaza ukusetyenziswa kolwimi ngokukubonisa oko kwiincwadi abazibhalileyo, ukuze, nakubafundi nootitshala ezikolweni, kube lula ukufunda nokufundisa ulwimi, kuphumezeke iinjongo zeNkcazelo yePolisi yeKharityhulam noHlolo (2011), yona ebethelela ukufundiswa kolwimi ngendlela ephucula nekhulisa umfundi kulwimi. Le ngxoxo ke ixhaswa ngezithako ngezithako zeengcali kwisakhono noguqulelo. Ingxoxo le yahlulwe yazizahluko ezihlanu. Isahluko sokuqala sivula ngentshayelelo, ze sidandalazise intsusamabandla yolu phando, kushukuxwe ingxubakaxaka elundululeyo, ze kwenziwe uphengululo lweencwadi zeengcali kwizithako zesakhono nezokuguqulela. Isahluko sesibini, siqwalasela indlela uSaule asebenzise ngayo iindidi zezivakalisi, kanti neendidi zezivakalisi ezidiza isakhono ngobuchule, ukuze kuphuhle amandla akhe ekubaliseni kuhlobo loncwadi alubhalileyo, nokuvakalisa iingcinga neengcamango zakhe, edlulisa nolwazi kwabo bafunda incwadi. Isahluko sesithathu, siyaqhuba nokusetyenziswa kolwimi njengesakhono sokubhala kwakwincwadi kaSaule, kodwa kujongwe ukusetyenziswa kwezifanekisozwi, izifaniso, uchongo-magama nentsingiselo kunye noburharha bombhali. Isahluko sesine sona sihlalutya isimbo sikaBongela ekubhaleni nasekuguquleleni kwincwadi yakhe ethi, Lwadilik’ udonga. Isahluko sesihlanu sesokuphetha, siyintyilazwi yeengxoxo ezikolu hlalutyo, kuxilongwa ubuzaza besithako sobunzululwazi-sakhono nokubaluleka kwaso ekuphuhliseni uncwadi jikelele. Ukusetyenziswa kolwimi kuko okungundoqo wokuphila koncwadi.
Identifer | oai:union.ndltd.org:netd.ac.za/oai:union.ndltd.org:nmmu/vital:8483 |
Date | January 2013 |
Creators | Jaxa, Nontembiso Patricia |
Publisher | Nelson Mandela Metropolitan University, Faculty of Arts |
Source Sets | South African National ETD Portal |
Language | Xhosa |
Detected Language | Unknown |
Type | Thesis, Masters, MA |
Format | 209 leaves, pdf |
Rights | Nelson Mandela Metropolitan University |
Page generated in 0.002 seconds