Olu phando luqwalasela indima yepragmatiki ekuphononongeni iincwadi ezikhethiweyo zesiXhosa. Isahluko sokuqala sinika okuqulathwe lolu phando, iinjongo zolu phando nezibe ngunobangela wokuba kukhethwe esi sihloko, imethodi yophando, imo yophando, ulwakhiwo lophando nalapho kukrotyiswa kokuqulathwe sisahluko ngasinye. Uphengululo lweencwadi lwenziwe eziqulathe umxholo wepragmatiki lwenziwe kwakuso esi sahluko. Ingcaciso yamagama aya kuthi asetyenziswe rhoqo inikiwe kwakuso esi sahluko Isahluko sesibini sijonga nzulu iingcingane eziya kuthi zisetyenziswe njengesikhokelo ekwenzeni olu phando. Ingcingane yolwimi kunye nengcingane yoncwadi zijongiwe kwesi sahluko. Ingcingane zepragmatiki eziquka leyo kaGrice nengundoqo kwipragmatiki nayo ithe yaqwalaselwa. Le ngcingane iye izise iindidi zeentsingiselo namasolotya azo. Ingcingane kaGrice ethi iphuhlise intsingiselo efihlakeleyo, intsingiselo ethe ngqo kunye nocingelo ziya- jongwa gabalala kwesi sahluko. Ingcingane yentetho ntshukumo iya kuthi ijongwe ze kujongwe nonxibelelo lwayo kuncwadi. Isahluko sesithathu sijonga nzulu ukusetyenziswa kwentsingisselo efihlakeleyo kwiincwadi ezikhethelwe esi sifundo. Umgaqo wonxibelelwano nezaci zawo ezizezi; isaci somgangatho, isaci sokungakanani, isaci sonxulumano kunye nesaci sobunjani zijongiwe kwiintetho zabalinganiswa nakwizimvo zombhali. Isaci esizihambelayo nesivela kakhulu ngokusetyenziswa kwesigqebelo namaqhalo naso sithe sajongwa ngokubhekiselele kwiincwadi ezikhethelwe esi sifundo.Isahluko sesine siqwalasele ukusetyenziswa kocingelo. Ucingelo nelilelinye isolotya lepragmatiki. Iindidi zocingelo zithe zajongwa, nezizezi: ucingelo lokukhoyo nokunokwenzeka, ucingelo lokuqonda, ucingelo lonobangela nesiphumo kunye nocingelo lwezichazi nezihlomelo. Izichukumisi zocingelo zijongiwe kugxilwe kwiincwadi zesiXhosa ezikhwethelwe esi sifundo. Isahluko sesihlanu siqwalasele intsingiselo ethe ngqo. Imiba yentsingiselo ethe ngqo efana nokuzigqibela, ukuvala isikhewu, ukunqanda ubumbaxa kunye nokusetyenziswa kwemiqondiso kuthe kwaqwalaselwa kwesi sahluko. Indlela ethe ngqo abalinganiswa abathile abathiywe ngayo ngababhali kwiincwadi ezikhethelwe esi sifundo iye izise intsingiselo ethe ngqo, oko ke kuthe kwaqwalaselwa kwesi sahluko.
Identifer | oai:union.ndltd.org:netd.ac.za/oai:union.ndltd.org:nmmu/vital:20845 |
Date | January 2016 |
Creators | Cutalele, Pumla Pamella |
Publisher | Nelson Mandela Metropolitan University, Faculty of Arts |
Source Sets | South African National ETD Portal |
Language | Xhosa |
Detected Language | Unknown |
Type | Thesis, Doctoral, PhD |
Format | ix, 235 leaves, pdf |
Rights | Nelson Mandela Metropolitan University |
Page generated in 0.0014 seconds