Magister Artium - MA / Uguqulo-lwimi lwalungathathelwa ngqalelo kakhulu kuba lwalusetyenziselwa ukufezekisa iinjongo ezithile kuba ubani lowo ezazi iilwimi ezo. Injongo yayikukugqithisa umyalezo wombhalo wolwimi oluguqulwayo/ lwemveli. Ungothuki, mfundi xa kusetyenziswe elinye igama, umzekelo umbhalo wolwimi oluguqulwayo sizakuthi yi-ST, gama elo elisukela kushunqulelo lwesiNgesi u-Source Text. Wona umbhalo wolwimi ekuguqulelwa kulo/ekubhekiswa kulo yi-TT, osukela kushunqulelo lwesiNgesi u-Target Text. Izifundo zoguqulo-lwimi zikhule ngokumandla kwaye zinike umdla omkhulu kwiingcali. Phakathi kwezinye iingcali kungabalulwa uVermeer (1989) oweza nethiyori ekuthiwa siSkoposi. UVermeer ungomnye phakathi kwezinye iingcali ezathatha uguqulo-lwimi njengomsebenzi (function). Uthi, umsebenzi ngamnye uphenjelelwa yinjongo. Kulapho ezinye iingcali zathathela khona ziveza iziseko ezisemthethweni zoguqulo-lwimi ngokomsebenzi.
Identifer | oai:union.ndltd.org:netd.ac.za/oai:union.ndltd.org:uwc/oai:etd.uwc.ac.za:11394/8061 |
Date | January 2020 |
Creators | Mxunyelwa, Dalutando Maxwell |
Contributors | Mokapela, S |
Publisher | University of Western Cape |
Source Sets | South African National ETD Portal |
Language | English |
Detected Language | Unknown |
Rights | University of Western Cape |
Page generated in 0.0023 seconds