Return to search

Perspectives of the historical–biographical criticism In the creative works of J. J. R. Jolobe

Olu phando lohlalutyo lukwaluncomo-gxeko lwemisebenzi kaJolobe, injongo yalo kukubonisa ukuba lukho uqhagamshelwano phakathi kobomi bakhe jikelele kunye noncwadi lwakhe. Ulwazi olunjalo lungathi lube luncedo kwiphulo elibalulekileyo ekuncediseni kulwazi lokubhala ibhayografi yakhe. Kubonakele kufanelekile ukuba iphulo elinjalo lenziwe ukukhumbula imisebenzi emikhulu eyenziwe ngamaqhawe abantu abaNtsundu abathe banegalelo elikhulu ekuphakanyiswni koncwadi lwemvelo kwakunye nenkuqubela phambili kwimfundo yabantu abangama-Afrika beli lizwe. Umzekelo uJolobe ulusebenzele ukuba uncwadi lwakhe ukuxwayisa abantu bakowabo abaNtsundu ngemfundo nolwazi olwakhaya. Ukwalusebenzise uncwadi lwakhe ukuvusa abantu ama-Afrika balumke kwingozi zemimoya yocinezelo lwabo ngurhulumente ocalule abantu abaNtsundu kuba bebantsundu ngebala. Nangona uncwadi lwakhe ulenze lwabasisonwabiso kodwa ikhakhulu ulusebenzise kwanokunika intuthuzelo, ithemba kwanokomelela kubantu abathe bacinezelwe zimeko zobomi ukuba bangalahli ithemba loluzuza impumelelo, kuba izinto zingatshintsha ebomini babo ngokuhamba kwamaxesha. Kwakhona ukongeza uncwadi lwakhe ulusebenzise ukuphakamisa nokuhambisela phambili ulwimi lwemveli, inkcubeko, imbali ngokusebenzisa isixhobo esiluncwadi lwakhe ukuze ezi ngongoma zikhankanyisweyo zihlale ezincwadini zakhe ezithe zazisele zolwazi, zingabi nakuze zife kuba zililifa lesizwe esiNtsundu, Uninzi loncwadi olubhalwe nguJolobe luthe lwaxoxwa kwesi sifundo, kodwa kuye kwaphonongwa ikakhulu uncwadi lwemibongo, inoveli idrama kuba kubonakele ukuba lo msebenzi ubanzi kakhulu kwaye esi sifundo kubonakele ukuba kungabanzima ukuba singagqibeka lula, kodwa ke uJolobe ubengumntu okhutheleyo. Ubhale incwadi eziliqela ngenxa yothando lwakhe lobhalo loncwadi oluqhutywe ngumbono wakhe wobuthandazwe, wokubona kubalulekile ukuba inani loncwadi olubhaliweyo esiXhoseni linyuke kwaye libe kwizinga eliphezulu, ukuze umzi wasemaXhoseni nowamanye ama-Afrika ngokubanzi ungalambathi ngoncwadi lokufunda ujongelwe phantsi ngokuba semva kwinkqubela phambili zezinye izizwe Ingokuphandle uncwadi lukaJolobe lubonakela luyinxenye yobomi bakhe. Kulunye uncwadi kwakhe kufumaniseka ukuba ukubhale endululwe zizinto ezithe azamphatha kakuhle ebomini bakhe zazaza ezo zinto zawuphazamisa umoya wakhe, nentlalo yakhe wada waqanda ukuba makabhale aphokoze okukuphuphuma kwengcinga zakhe ukuzithuthuzela kwanokuphilisa kwanabanye abantu abathe badibana neenzima ezinjalo zobomi. Umzekelo: iimeko zopolitiko zeli lizwe zithe zabuchaphazela ubomi bakhe, oko kubesisiphumo sokuba abhale incwadi yakhe yedrama apho adiza ngeemeko zokuphatheka kwabantu baseBhayi kwilokishi eyathi yabelwa bona ngurhulumnte wobandlululo, apho ebexelenga khona njengetitshala kwanoMfundisi weliZwi. Kanti noncwadi apho athe wabonisa ukuvuya khona olo luvuyo olusukela kwinto ethe yamvuyisa emalunga nobomi bakhe, izimvo zakhe kwanenkolo yakhe njengomntu, kwanendlela akhule ngayo. Umzekelo, uJolobe uye wazisa abafundi bakhe ukuba iimbalo zakhe zisukele kwizinto ezithe zamchukumisa ebomini bakhe. Ngoko ke kwabonakala ukuba olu phando luluncedo ekusungulweni kweprojekti yokubhalwa kwebhayografi kaJolobe neya kuba luncedo kwimisebenzi yophando olubalulekileyo kuncwadi kuba iincwadi ezinje zityebile ngolwazi olubalulekileyo ekungena kucingelwa ukuba lunokufunyanwa kulo.

Identiferoai:union.ndltd.org:netd.ac.za/oai:union.ndltd.org:nmmu/vital:29809
Date January 2016
CreatorsKhumalo, Hlonpha Pamela Vivienne, Kwatsha, Linda Loretta
PublisherNelson Mandela Metropolitan University, Faculty of Arts
Source SetsSouth African National ETD Portal
LanguageEnglish
Detected LanguageUnknown
TypeThesis, Doctoral, PhD
Formatxi, 350 leaves, pdf
RightsNelson Mandela Metropolitan University

Page generated in 0.0051 seconds