Return to search

Uphononongo lokubunjwa kobume bengqondo yabalinganiswa kwiincwadi ezikhethiweyo zesiXhosa

Olu phando luza kugxila kuphononongo lobume bengqondo ephazamisekileyo, lujonge izimo zabalinganiswa nendlela abacinga nabenza ngayo izinto. Kuza kube kugocwagocwa ubume bengqondo yabalinganiswa abakwezi ncwadi zintathu zilandelayo: Incwadi kaTamsanqa ethi, „Buzani Kubawo,‟ ekaJordan ethi, „Ingqumbo Yeminyanya‟ neka Jongilanga ethi, „Ukuqhawuka Kwembeleko.‟Apha kuza kukhokela intshayelelo equlathe izinto ezininzi eziquka amagama amatsha aza kusetyenziswa, indlela oza kuma ngayo umsebenzi kunye nembali ngababhali. Oku kulandelwa yingcingane eza kuthi ibe sisiseko solu phando, ingcingane yobume bengqondo, ingcingane yemeko engaqhelekanga kunye nezayamileyo; ingcingane yokuqonda kunye nengcingane yenkcubeko nentlalo. Kuza kuthi kutyhilwe iimeko abantu abaphila phantsi kwazo emakhaya nasentlalweni ngokubanzi. Iingcali zophando zizamile ukuza neendlela ezizizo zokwazi unobangela wokuphazamiseka kwengqondo ukuze zikwazi ukuza nonyango oluchanekileyo. Ekugqibeleni kuza kuthi kushwankathelwe wonke lo msebenzi, kuvezwe namacebo anokunceda abafundi nababhali kuncwadi. Kuza kucetyiswa ababhali ukuze babethelele ingcamango yokuba kubekho uncedo okanye unyango kubalinganiswa abanesimo sengqondo esiphazamisekileyo, xa kuphononongwa le ngcingane yesimo sengqondo.

Identiferoai:union.ndltd.org:netd.ac.za/oai:union.ndltd.org:nmmu/vital:8474
Date January 2012
CreatorsNetjies, Nomalanga Primrose
PublisherNelson Mandela Metropolitan University, Faculty of Arts
Source SetsSouth African National ETD Portal
LanguageXhosa
Detected LanguageUnknown
TypeThesis, Masters, MA
Formativ, 162 leaves, pdf
RightsNelson Mandela Metropolitan University

Page generated in 0.0022 seconds