Return to search

Uphononongo nzulu lokusetyenziswa kolwimi olucengayo ngabalinganiswa kwincwadi ka Z.S. Qangule ethi, "Amaza" neka A.M. Mmango ethi, "Udike noCikizwa"

Olu phando luza kuphendla ubugcisa bokusetyenziswa kwezicengo ekutshintsheni izimvo, iinkolo nokuziphatha kwabantu. Kuza kugxilwa kakhulu kwiinjongo noxinzelelo lwazo kuba zingunozala wezicengo. Kuza kugocwagocwa ‘Amaza’ kaQangule kwakunye no ‘UDike noCikizwa’ kaMmango. Apha kwezi ncwadi kuza kuhlutywa ukuba ulwimi olucengayo luyasetyenziswa ngabantu abantetho isisiXhosa, nokuba imingangatho eyinqobo (values), inkcubeko, nengqeqesho (socialization) zidlala indima enkulu kulwimi olucengayo. Isahluko sokuqala salo msebenzi siza kunika amagqabantshintshi ngolu phando. Esi sahluko siqulathe: Intshayelelo; Iingxaki zophando; Iinjongo zophando; Ukubaluleka kolu phando; Okusele kubhaliwe ngezicengo; Ingcaciso magama. Isahluko sesibini siqulathe iingcingane zolwimi olucengayo, abasunguli bazo, nemisebenzi yabo. Isahluko sesithathu siqwalasele ukusetyenziswa kwezicengo kwiincwadi ezichongiweyo. Isahluko sesine sijonge ubugcisa bokusetyenziswa kolwimi olucengayo kwizihlobo nakwiintsapho. Kwalapha, kujongwe nokusetyenziswa kolwimi oluchubekileyo ngamadoda nabafazi, igunya, umyalezo ocalanye kwakunye nokunikezela. Isahluko sesihlanu nesisesokugqibela – sishwankathela iziphumo zophando kukwanikwa neengcebiso.

Identiferoai:union.ndltd.org:netd.ac.za/oai:union.ndltd.org:nmmu/vital:8476
Date January 2011
CreatorsNotshe, Lwandlekazi
PublisherNelson Mandela Metropolitan University, Faculty of Arts
Source SetsSouth African National ETD Portal
LanguageXhosa
Detected LanguageUnknown
TypeThesis, Masters, MA
Formatv, 162 leaves, pdf
RightsNelson Mandela Metropolitan University

Page generated in 0.0337 seconds