Return to search

Ubuchule bencoko yababini nesimbo sokubhala kwincwadi ka A.M. Mmango ethi, "Law' ilahle"

Olu phando lugxile kakhulu kwincwadi ka-A.M. Mmango ethi, Law’ilahle. Apha sizama ukuveza ukubaluleka kobuchule bokubhala phakathi kwencoko yabantu ababini kubhalo lwemidlalo ngoovulindlela bedrama esiXhoseni. Oku kwenziwa ngokuthi kuphononongwe nzulu isimbo sokubhala. Ezinye izinto esiza kuziveza ziindlela zokuthetha ezithi zizesetyenziswe ngabalinganiswa. Oku kwenziwa ngokuthi kugxeleshwe kakhulu kumagama namaganyana adelelekileyo asetyeniswayo ngabalinganiswa ze kuthi kubuywe kukhangelwe nefuthe laloo magama kulwimi olusulungekileyo lwesiXhosa. Oku kukhokelela ekuphononongeni indlela ekuthi umbhali asebenzise ngayo isigama esivumelekileyo nesigama esithi sisetyenziswe esibangela ukuba umfundi lowo asebenzise ingqondo yakhe ukucinga ukuba kutheni umbhali etshintsha isigama kuloo ncoko ithile ayakhayo. U-A. M. Mmango usizobela asivezele kakuhle zonke izigaba ekufuneka zilandelwe xa sibhala uncwadi lwedrama. Uyaphumelele ke ukuziveza zonke ezi zinto ngenxa yeengxoxo azakhayo phakathi kwabalinganiswa. Ukuba sithelekisa uluncwadi lwedrama yale mihla luye lube nawo umahluko kuncwadi olwalubhalwe kuqala. Kananjalo, lo ka-Mmango usebenzisa uyilo lwengxoxo nocwangciso lwimi olululo ukwenzela ukuba umfundi lowo ofunda incwadi yakhe akwazi ukuwubona umahluko phakathi kwababhali bale mihla nabakudala. Esi simbo sikaMmango sokubhala asiwenzi umdintsi. Oku kuphawuleka ngamandla kwimixholwana esekeleze ululeko olungqongqo.

Identiferoai:union.ndltd.org:netd.ac.za/oai:union.ndltd.org:nmmu/vital:8467
Date January 2007
CreatorsTose, M. J
PublisherNelson Mandela Metropolitan University, Faculty of Arts
Source SetsSouth African National ETD Portal
LanguageXhosa
Detected LanguageUnknown
TypeThesis, Masters, MA
Formatxi, 247 leaves, pdf
RightsNelson Mandela Metropolitan University

Page generated in 0.0024 seconds