Return to search

Ukuzotywa kwabalinganiswa ababhinqileyo abaziintloko kwiidrama zolwimi lwesiXhosa bezotywa ngababhali abasini sobuduna kwakunye nabo babhinqileyo

Eli phepha lithiywe “Ukuzotywa kwabalinganiswa ababhinqileyo, abazintloko kwidrama zolwimi lwesiXhosa, bezotywa ngababhali besini sobuduna nesini sobukhomokazi liza kube lijongene nendlela apho ababhali abasini esohlukileyo, abathi babazobe ngayo abalinganiswa abayintloko, abangamabhinqa kwizibhalo zabo zedrama zelwimi lwesiXhosa. Apha kuzobe kujongwe ingakumbi ababhali abasini sobuduna, ngenjongo yokuveza umba wokuba ababhali besini sobukhomokazi babazoba abalinganiswa ababhinqileyo nje ngabantu abangenamiqolo okuzimela ngaphandle kokuba kubekho indoda obomini babo. Aba babhali babazoba abalinganiswa ababhiqileyo phansti kwala ngcamango yokuba, apho umntu obhinqileyo ekumela afumaneke khona kusezimbizeni apho baphekela usapho lwabo rhoqo, ekucoceni umzi nasekukhuliseni abantwana, hayi enye into engaphaya koko. Ngoko ke eli phepha libhalwe ngenjongo yokuphelisa oku dodobalisa loo ngcamango. Baninzi kea bantu abaphikisana nale ndlela yaphotho lwamabhinqa ngamadoda abo, nangamanye amadoda nje jikilele, eli phepha lizobe lingqinelana nolo ninzi lwabantu abathi loo mpatho mbi yamabhinqa mayiphele, kuvezwe imeko yokuba kukho ulingano phakathi kwamabhinqa kunye nababt abasini sobukhomakazi. Int ethetha ukuba eli phepha lizakuti ligqithele lijonge kwaye liveze indlela apho kungati kuekho ulingwano phathi kwezini zimbini, nendlela apho uwonke wonke angakwazi ukuphila ngentlonipho omnye komnye kungekho zimpatho mbi, okanye sini sinesikhundla esiphakamileyo kunesinye.

Identiferoai:union.ndltd.org:netd.ac.za/oai:union.ndltd.org:nmmu/vital:28645
Date January 2016
CreatorsBukula, Andiswa
PublisherNelson Mandela Metropolitan University, Faculty of Arts
Source SetsSouth African National ETD Portal
LanguageEnglish
Detected LanguageUnknown
TypeThesis, Masters, MA
Formatviii, 116 leaves, pdf
RightsNelson Mandela Metropolitan University

Page generated in 0.0023 seconds