Spelling suggestions: "subject:"xhosa literature"" "subject:"khosa literature""
1 |
Uhlalutyo ngokwesithako sobunzululwazi nkcubeko-ntlalo yaseAfrika kwinoveli yesiXhosa: Inkululeko isentabeni / Towards an African socio-cultural critical review of an isiXhosa novel: Inkululeko isentabeniBali, Nolundi Monica January 2016 (has links)
Kule ngxoxo kuqwalaswele indlela amasiko nezithethe asetyenziswe ngayo kwincwadi kaSaule, ethi, Inkululeko isentabeni. Le ngxoxo ijolise ekuncomeni indlela lo kaSaule awasebenzise ngayo amasiko kunye nezithethe zakwaNtu ukwakha isizwe esimnyama. Konke oku kudandalazisa ukubaluleka kokusetyenziswa kwawo ukwakha isizwe. Injongo yolu phando kukuphendla indlela umtshato, isithembu, ulwaluko, imbeleko, intonjane, ukufa, ukukhapha, ukubuyisa nokungenwa ezaziqhutywa ngayo nezizathu zoko. Le ngxoxo iza kuphonononga ixhaswe ngezithako eziziimbono zeengcali zohlalutyo kwintlalo kaNtu. Ingxoxo le yahlulwe yazizahluko ezintandathu. Isahluko sokuqala sivula ngentshayelelo, ze sidandalazise intsusamabandla yolu phando, kushukuxwe imbangeli yophando, ze kwenziwe uphengululo lweencwadi zeengcali kwisithako sobuNzululwazi Nkcubeko-Ntlalo. Isahluko sesibini, siqwalasela ukuxabiseka kolwendo ngokwengcinga yesiNtu kwincwadi kaSaule. Indlela isiko lokuthwala lalisenziwa ngalo mandulo xa kuthelekiswa kweyangoku, nemiceli-mngeni elijamelene nalo eli siko. Isahluko sesithathu, sijongene nesithembu, iimeko ezazinyanzelisa ukuthathwa komfazi wesibini nangaphezulu nemiceli-mngeni ekhoyo kwesi sithethe. Isahluko sesine, singolwaluko ngemihla yamandulo size sithelekiswe nale mihla siphila kuyo. Iingxaki ezikhoyo kweli siko ezibangelwa kukungakhathali kwengcibi, namakhankatha. Esesihlanu, isahluko singamasiko nezithethe, iindlela ezazisaya kusetyenziswa mandulo kuthelekiswa nezeli xesha lokhanyo ekwenzeni la masiko nezi zithethe. Isahluko sesithandathu, sesokuphetha, siyintyilazwi yeengxoxo ezikolu hlalutyo, kuxilongwa ubuzaza besithako sobunzululwazi nkcubeko-ntlalo.
|
2 |
Uphononongo nzulu lwefuthe lweentetho ntshukumo zovakalelo zabalinganiswa kwiincwadi ezichongiweyo zedrama zesixhosaSehloboko, Matsiliso January 2013 (has links)
Olu phando luza kucubungula ifuthe lentetho ntshukumo yovakalelo kubalinganiswa. Kuza kungqalwa kwindlela ethi intsingiselo yamkeleke ngayo kutoliko novakalelo lomphulaphuli ngokuxhomekeka kwimeko ethile yentetho. Intetho njengesenzeko esinokusetyenziswa ekuyileni nasekuchukumiseni inyaniso, nethi ngokuvakaliswa kwayo idale utshintsho kubomi babalinganiswa iza kucubungulwa kuza kugocwagocwa iincwadi zedrama yesiXhosa ezichongiweyo.
|
3 |
Uphicotho nzulu lwendima yepragmatiki ekuphononongeni incwadi ezikhethiweyo zesiXhosa / An analysis of the role of pragmatics in interpreting the literary aspects in selected isiXhosa textCutalele, Pumla Pamella January 2016 (has links)
Olu phando luqwalasela indima yepragmatiki ekuphononongeni iincwadi ezikhethiweyo zesiXhosa. Isahluko sokuqala sinika okuqulathwe lolu phando, iinjongo zolu phando nezibe ngunobangela wokuba kukhethwe esi sihloko, imethodi yophando, imo yophando, ulwakhiwo lophando nalapho kukrotyiswa kokuqulathwe sisahluko ngasinye. Uphengululo lweencwadi lwenziwe eziqulathe umxholo wepragmatiki lwenziwe kwakuso esi sahluko. Ingcaciso yamagama aya kuthi asetyenziswe rhoqo inikiwe kwakuso esi sahluko Isahluko sesibini sijonga nzulu iingcingane eziya kuthi zisetyenziswe njengesikhokelo ekwenzeni olu phando. Ingcingane yolwimi kunye nengcingane yoncwadi zijongiwe kwesi sahluko. Ingcingane zepragmatiki eziquka leyo kaGrice nengundoqo kwipragmatiki nayo ithe yaqwalaselwa. Le ngcingane iye izise iindidi zeentsingiselo namasolotya azo. Ingcingane kaGrice ethi iphuhlise intsingiselo efihlakeleyo, intsingiselo ethe ngqo kunye nocingelo ziya- jongwa gabalala kwesi sahluko. Ingcingane yentetho ntshukumo iya kuthi ijongwe ze kujongwe nonxibelelo lwayo kuncwadi. Isahluko sesithathu sijonga nzulu ukusetyenziswa kwentsingisselo efihlakeleyo kwiincwadi ezikhethelwe esi sifundo. Umgaqo wonxibelelwano nezaci zawo ezizezi; isaci somgangatho, isaci sokungakanani, isaci sonxulumano kunye nesaci sobunjani zijongiwe kwiintetho zabalinganiswa nakwizimvo zombhali. Isaci esizihambelayo nesivela kakhulu ngokusetyenziswa kwesigqebelo namaqhalo naso sithe sajongwa ngokubhekiselele kwiincwadi ezikhethelwe esi sifundo.Isahluko sesine siqwalasele ukusetyenziswa kocingelo. Ucingelo nelilelinye isolotya lepragmatiki. Iindidi zocingelo zithe zajongwa, nezizezi: ucingelo lokukhoyo nokunokwenzeka, ucingelo lokuqonda, ucingelo lonobangela nesiphumo kunye nocingelo lwezichazi nezihlomelo. Izichukumisi zocingelo zijongiwe kugxilwe kwiincwadi zesiXhosa ezikhwethelwe esi sifundo. Isahluko sesihlanu siqwalasele intsingiselo ethe ngqo. Imiba yentsingiselo ethe ngqo efana nokuzigqibela, ukuvala isikhewu, ukunqanda ubumbaxa kunye nokusetyenziswa kwemiqondiso kuthe kwaqwalaselwa kwesi sahluko. Indlela ethe ngqo abalinganiswa abathile abathiywe ngayo ngababhali kwiincwadi ezikhethelwe esi sifundo iye izise intsingiselo ethe ngqo, oko ke kuthe kwaqwalaselwa kwesi sahluko.
|
4 |
Uphononongo lokubunjwa kobume bengqondo yabalinganiswa kwiincwadi ezikhethiweyo zesiXhosaNetjies, Nomalanga Primrose January 2012 (has links)
Olu phando luza kugxila kuphononongo lobume bengqondo ephazamisekileyo, lujonge izimo zabalinganiswa nendlela abacinga nabenza ngayo izinto. Kuza kube kugocwagocwa ubume bengqondo yabalinganiswa abakwezi ncwadi zintathu zilandelayo: Incwadi kaTamsanqa ethi, „Buzani Kubawo,‟ ekaJordan ethi, „Ingqumbo Yeminyanya‟ neka Jongilanga ethi, „Ukuqhawuka Kwembeleko.‟Apha kuza kukhokela intshayelelo equlathe izinto ezininzi eziquka amagama amatsha aza kusetyenziswa, indlela oza kuma ngayo umsebenzi kunye nembali ngababhali. Oku kulandelwa yingcingane eza kuthi ibe sisiseko solu phando, ingcingane yobume bengqondo, ingcingane yemeko engaqhelekanga kunye nezayamileyo; ingcingane yokuqonda kunye nengcingane yenkcubeko nentlalo. Kuza kuthi kutyhilwe iimeko abantu abaphila phantsi kwazo emakhaya nasentlalweni ngokubanzi. Iingcali zophando zizamile ukuza neendlela ezizizo zokwazi unobangela wokuphazamiseka kwengqondo ukuze zikwazi ukuza nonyango oluchanekileyo. Ekugqibeleni kuza kuthi kushwankathelwe wonke lo msebenzi, kuvezwe namacebo anokunceda abafundi nababhali kuncwadi. Kuza kucetyiswa ababhali ukuze babethelele ingcamango yokuba kubekho uncedo okanye unyango kubalinganiswa abanesimo sengqondo esiphazamisekileyo, xa kuphononongwa le ngcingane yesimo sengqondo.
|
5 |
Images of women in Unyana womntuMatshoba, Linda Cecil 04 1900 (has links)
Thesis (MA)--Stellenbosch University, 2002. / ENGLISH ABSTRACT: This study investigates the role of women in the Xhosa novel, Unyana Womntu, written by Saule. The main aim is to investigate how images of women have developed or deteriorated
as a result of the changes in the South African society. It will be remembered, for instance,
that in traditional and colonial eras, images of women were subjected to patriarchy. One
expects a change in the status of women as depicted in literature because of consistent
demands that women are entitled to equal opportunities.
The theoretical aspects of gender and culture are discussed in Chapter 2 as the framework of
the study. Chapter 3 deals with plot, character and space in Saule's novel, Unyana Womntu
and how they are viewed in relation to gender and culture. A detailed analysis of gender and
culture is done in Chapter 4 of Unyana Womntu.
In the analysis of the gender and culture in Unyana Womntu, it is found that the images of
women presented in the novel are undergoing radical changes, such that some women seem
to fail to cope with changes. However, this does not mean that all women are incapable of
making informed choices in terms of their depiction in xhosa literature. / AFRIKAANSE OPSOMMING: Hierdie studie ondersoek die rol van vroue in die Xhosa novelle Unyana Womntu geskryf deur Saule. Die hoofdoelstelling is om 'n ondersoek te doen van hoe voorstellings van Xhosa
vroue ontwikkel of verswak het as gevolg van veranderinge in die Suid-Afrikaanse
gemeenskap. Dit word byvoorbeeld onthou, dat in tradisionele en koloniale eras, die
voorstellings van vroue onderwerp is aan patriargale uitbeelding. 'n Mens sou 'n verandering
verwag in die status van vroue soos voorgestel in die letterkunde, op grond van die
voortdurende eise dat vroue geregtig is op gelyke geleenthede. Die teoretiese aspekte van gender en kultuur word in hoofstuk 2 bespreek as die raamwerk vir die studie. Hoofstuk 3 ondersoek die intrige, karakters en ruimte in Saule se novelle Unyana Womntu, en hoe hierdie aspekte uitgebeeld word met betrekking tot gender en kultuur. 'n Gedetailleerde analise van die uitbeelding van gender en kultuur in Unyana Womntu word gedoen in hoofstuk 4 van die studie.
In die ontleding van gender en kultuur in Unyana Womntu word daar bevind dat die
voorstellings van vroue wat aangebied word in die novelle aansienlike veranderinge
ondergaan, tot so In mate dat vroue daarin faal om met verandering tred te hou. Dit beteken
egter nie dat alle vroue 'n onvermoë het om ingeligte keuses te maak in terme van hulle
uitbeelding in die Xhosa letterkunde nie.
|
6 |
Perspectives of the historical–biographical criticism In the creative works of J. J. R. JolobeKhumalo, Hlonpha Pamela Vivienne, Kwatsha, Linda Loretta January 2016 (has links)
Olu phando lohlalutyo lukwaluncomo-gxeko lwemisebenzi kaJolobe, injongo yalo kukubonisa ukuba lukho uqhagamshelwano phakathi kobomi bakhe jikelele kunye noncwadi lwakhe. Ulwazi olunjalo lungathi lube luncedo kwiphulo elibalulekileyo ekuncediseni kulwazi lokubhala ibhayografi yakhe. Kubonakele kufanelekile ukuba iphulo elinjalo lenziwe ukukhumbula imisebenzi emikhulu eyenziwe ngamaqhawe abantu abaNtsundu abathe banegalelo elikhulu ekuphakanyiswni koncwadi lwemvelo kwakunye nenkuqubela phambili kwimfundo yabantu abangama-Afrika beli lizwe. Umzekelo uJolobe ulusebenzele ukuba uncwadi lwakhe ukuxwayisa abantu bakowabo abaNtsundu ngemfundo nolwazi olwakhaya. Ukwalusebenzise uncwadi lwakhe ukuvusa abantu ama-Afrika balumke kwingozi zemimoya yocinezelo lwabo ngurhulumente ocalule abantu abaNtsundu kuba bebantsundu ngebala. Nangona uncwadi lwakhe ulenze lwabasisonwabiso kodwa ikhakhulu ulusebenzise kwanokunika intuthuzelo, ithemba kwanokomelela kubantu abathe bacinezelwe zimeko zobomi ukuba bangalahli ithemba loluzuza impumelelo, kuba izinto zingatshintsha ebomini babo ngokuhamba kwamaxesha. Kwakhona ukongeza uncwadi lwakhe ulusebenzise ukuphakamisa nokuhambisela phambili ulwimi lwemveli, inkcubeko, imbali ngokusebenzisa isixhobo esiluncwadi lwakhe ukuze ezi ngongoma zikhankanyisweyo zihlale ezincwadini zakhe ezithe zazisele zolwazi, zingabi nakuze zife kuba zililifa lesizwe esiNtsundu, Uninzi loncwadi olubhalwe nguJolobe luthe lwaxoxwa kwesi sifundo, kodwa kuye kwaphonongwa ikakhulu uncwadi lwemibongo, inoveli idrama kuba kubonakele ukuba lo msebenzi ubanzi kakhulu kwaye esi sifundo kubonakele ukuba kungabanzima ukuba singagqibeka lula, kodwa ke uJolobe ubengumntu okhutheleyo. Ubhale incwadi eziliqela ngenxa yothando lwakhe lobhalo loncwadi oluqhutywe ngumbono wakhe wobuthandazwe, wokubona kubalulekile ukuba inani loncwadi olubhaliweyo esiXhoseni linyuke kwaye libe kwizinga eliphezulu, ukuze umzi wasemaXhoseni nowamanye ama-Afrika ngokubanzi ungalambathi ngoncwadi lokufunda ujongelwe phantsi ngokuba semva kwinkqubela phambili zezinye izizwe Ingokuphandle uncwadi lukaJolobe lubonakela luyinxenye yobomi bakhe. Kulunye uncwadi kwakhe kufumaniseka ukuba ukubhale endululwe zizinto ezithe azamphatha kakuhle ebomini bakhe zazaza ezo zinto zawuphazamisa umoya wakhe, nentlalo yakhe wada waqanda ukuba makabhale aphokoze okukuphuphuma kwengcinga zakhe ukuzithuthuzela kwanokuphilisa kwanabanye abantu abathe badibana neenzima ezinjalo zobomi. Umzekelo: iimeko zopolitiko zeli lizwe zithe zabuchaphazela ubomi bakhe, oko kubesisiphumo sokuba abhale incwadi yakhe yedrama apho adiza ngeemeko zokuphatheka kwabantu baseBhayi kwilokishi eyathi yabelwa bona ngurhulumnte wobandlululo, apho ebexelenga khona njengetitshala kwanoMfundisi weliZwi. Kanti noncwadi apho athe wabonisa ukuvuya khona olo luvuyo olusukela kwinto ethe yamvuyisa emalunga nobomi bakhe, izimvo zakhe kwanenkolo yakhe njengomntu, kwanendlela akhule ngayo. Umzekelo, uJolobe uye wazisa abafundi bakhe ukuba iimbalo zakhe zisukele kwizinto ezithe zamchukumisa ebomini bakhe. Ngoko ke kwabonakala ukuba olu phando luluncedo ekusungulweni kweprojekti yokubhalwa kwebhayografi kaJolobe neya kuba luncedo kwimisebenzi yophando olubalulekileyo kuncwadi kuba iincwadi ezinje zityebile ngolwazi olubalulekileyo ekungena kucingelwa ukuba lunokufunyanwa kulo.
|
7 |
Transcribing tales, creating cultural identities an analysis of selected written english texts of Xhosa folktalesNaidu, Sam January 2000 (has links)
This thesis maps a marriage of postcolonial theory and folklore studies. The progeny of this marriage is an analytic tool which can suitably and effectively tackle the subject of written folktale texts, whether they be part of a nineteenth century colonialist discourse, or a twenty-first century nationalist discourse. First, GM Theal's collection of folktale texts, Kaffir Folklore (1882), is analysed as part of his specific colonialist discourse. Theal formulated for himself, and for the Xhosa peoples, identities which consolidated the colonialisms he supported. I argue that these folktale texts, although a part of Theal's colonialist discourse, are hybrid, containing the voices of both coloniser and colonised. Second, the position of contemporary written folktales in a neo-colonialist and >new nationalist discourse=, is examined. The optimistic belief of scholars and authors, that folktales are a means of bridging cultural gaps, is questioned. Finally, it is shown that authors of folktale texts can synthesise diverse literary traditions in a hybrid artform. This synthesis, to some extent, embodies the >new nationalist= aim of a unified national cultural identity in South Africa. The central value of recognising the role of folktale texts in colonialist and nationalist discourses lies in the awareness that this type of literary activity in South Africa is a cross-cultural practice. The confluence of voices which constitutes these folktale texts, reveals that our stories are intertwined. In the past, the discourses of colonialism and apartheid controlled the formation of the diverse and hierarchised cultural identities of South Africa. But this is not to say that alternative stories of self-fashioning and cultural self-determination did not exist. In the folktale texts of writers such as Mhlope, Jordan, and even in Theal's colonial collection, different mediums, literary heritages and styles converge to create narratives which speak of cross-cultural interaction and the empowerment of the black voice. In post-apartheid South Africa, there is even greater opportunity to reshape stories, to recreate selves, and to redefine intercultural relations. This thesis has outlined how some of those stories, which use folktale texts as their central trope, are constructed and commodified. Not only do these reinvented folktale texts embody the heterogeneous cultural influences of South Africa, they also have the potential to promote, first, the understanding of cultural differences, and second, the acceptance of the notion of cultural hybridity in our society.
|
8 |
Uphando ngokuphononongwa kwabalinganiswa ngokobume bengqondo kwiincwadi ezikhethiweyo zikaSaule u'Vuleka mhlaba no Umthetho kamthetho' / A psycho-analytic critique of characters in Saule's selected books: 'Vuleka mhlaba' and 'Umthetho kamthetho'Sokiya, Liliswa January 2015 (has links)
Impatho-mbi nabalinganiswa iba ngunobangela wokuphazamiseka kwengqodo zabalinganiswa. Umlinganiswa uthi nokuba uhleli azibone sele enezinye iingcinga, ngcinga ezo ziphazamisa ubomi bakhe. Izinto eziphazamisa umlinganiswa ebalini kukutyholwa ngezinto angazaziyo. Iyashiyana indlela abalinganiswa abachaphazeleka ngayo ngenxa yolu phazamiseko, loo nto ikhokelele ekubeni benze izinto ezingafaniyo.
|
9 |
Uphononongo ngokwesithako sobunzululwazi-sakhono kwiinoveli ezimbini zesiXhosa : (Ukhozi olunamaphiko noLwadilik' udonga) / A stylistic reflection on two isiXhosa novels : (Ukhozi olunamaphiko and Lwadilik' udonga)Jaxa, Nontembiso Patricia January 2013 (has links)
Kule ngxoxo kuqwalaselwa indlela ulwimi njengesakhono olusetyenziswe ngayo kwincwadi kaSaule, ethi, Ukhozi Olumaphiko kunye nobuchule bukaBongela ekubhaleni kwincwadi yakhe ethi, Lwadilik’ Udonga, yona eluguqulelo lwencwadi kaChinua Achebe, ethi, Things Fall Apart. Kule ngxoxo akuthelekiswa aba babhali babini koko kujongwe nje kunconywa ubuchule babo ekusebenziseni ulwimi ngendlela ephakamisa umgangatho weencwadi zabo. Oko, kudandalazisa ukubaluleka kokuqatshelwa kolwimi njengesakhono, ngababhali. Injongo yolu phando kukuba, ababhali bakuthathele ingqalelo ukubaluleka kokukhulisa nokukhuthaza ukusetyenziswa kolwimi ngokukubonisa oko kwiincwadi abazibhalileyo, ukuze, nakubafundi nootitshala ezikolweni, kube lula ukufunda nokufundisa ulwimi, kuphumezeke iinjongo zeNkcazelo yePolisi yeKharityhulam noHlolo (2011), yona ebethelela ukufundiswa kolwimi ngendlela ephucula nekhulisa umfundi kulwimi. Le ngxoxo ke ixhaswa ngezithako ngezithako zeengcali kwisakhono noguqulelo. Ingxoxo le yahlulwe yazizahluko ezihlanu. Isahluko sokuqala sivula ngentshayelelo, ze sidandalazise intsusamabandla yolu phando, kushukuxwe ingxubakaxaka elundululeyo, ze kwenziwe uphengululo lweencwadi zeengcali kwizithako zesakhono nezokuguqulela. Isahluko sesibini, siqwalasela indlela uSaule asebenzise ngayo iindidi zezivakalisi, kanti neendidi zezivakalisi ezidiza isakhono ngobuchule, ukuze kuphuhle amandla akhe ekubaliseni kuhlobo loncwadi alubhalileyo, nokuvakalisa iingcinga neengcamango zakhe, edlulisa nolwazi kwabo bafunda incwadi. Isahluko sesithathu, siyaqhuba nokusetyenziswa kolwimi njengesakhono sokubhala kwakwincwadi kaSaule, kodwa kujongwe ukusetyenziswa kwezifanekisozwi, izifaniso, uchongo-magama nentsingiselo kunye noburharha bombhali. Isahluko sesine sona sihlalutya isimbo sikaBongela ekubhaleni nasekuguquleleni kwincwadi yakhe ethi, Lwadilik’ udonga. Isahluko sesihlanu sesokuphetha, siyintyilazwi yeengxoxo ezikolu hlalutyo, kuxilongwa ubuzaza besithako sobunzululwazi-sakhono nokubaluleka kwaso ekuphuhliseni uncwadi jikelele. Ukusetyenziswa kolwimi kuko okungundoqo wokuphila koncwadi.
|
10 |
Literature between two worlds : the first fifty years of the Xhosa novel and poetryZotwana, Sydney Zanemvula January 1993 (has links)
The main preoccupation in this thesis is to illustrate that, although there is no doubt that the missionaries deserve all the praise that they have been showered with, for their role in the development of Xhosa literature, there is a sense in which they can be said to have contributed as much also to its underdevelopment. It is my view that Xhosa literature has had a very unfortunate history, because of having an origin that is located in the history of Christianization. This history has haunted Xhosa literary creativity from its early beginnings to the present. The success of the mission to convert them to Christianity was anchored on the principle of total alienation of the Xhosa from their world-view: from their culture, from their religion, from their chiefs, from their literary art, and even from their homes. The intention was to turn them into new beings - Christian and loyal subjects of the British Crown - and to make them not only reject, but also despise their past. Therefore Western-style education for the Blacks in South Africa did not come out of any sense of altruism on the part of those by whom it was introduced. It was the interests of its initiators and their country that had to be served by the education of the Blacks. It was in this context that Xhosa literature was born. It was produced to promote the interests of the Christian church and therefore those of the British Crown. Its production was controlled by the missionaries, the owners of the publishing houses, but it was produced by the Christian and literate Xhosa most of whom had studied in mission schools. It was produced to crush the past and any aspirations that were in conflict with those of the Christian church and the British imperial designs. In short, it was a literature against its people. However, the Christian and literate Xhosa was never accepted as the equal of the other British subjects who were White. He was excluded from all law-making mechanisms and was affected by the many Native Laws that were passed, as badly as his non-Christian brothers and sisters. He witnessed land dispossession and all the other atrocities perpetrated by White rulers. His literary art had been harnessed to legitimize and perpetrate this situation and he dared not use his art to change it. It is in the light of this context that this thesis contends that Xhosa literature is between two worlds. It is argued that Xhosa literature, because of the writers' dilemma created by their position between these two conflicting universes, has been forced to be mute in the face of the Black people's experiences of oppression, and therefore to be indifferent to the Black people's struggles to resist colonization and to liberate themselves from this oppression. It is however, pointed out that some works are characterised by the writers' attempts to grapple with this dilemma. Finally this thesis advocates complete liberation of literary artists from state control, indirect though it may be, and also a change in the teaching and analysis of Xhosa literature.
|
Page generated in 0.0674 seconds